Umasipala oMbaxa we-Amathole uthanda ukulumnkisa uluntu ngobubanzi malunga namaqondo anobungozi kakhulu alindelekileyo omlilo ukusukela ngomhla weshumi elinesithathu ukuya kwelinesixhenxe kule imiyo
onokuthi uqhambuke kwindawo ezikufuphi namahlathi, amadlelo kwakunye namasimi.
Oku kulandela isaziso esikhutshwe yinkozo yengcali zemoyezulu.
Uluntu luyacelwa luhlale luthe qwa futhi luqinisekise ukuba lunezixhobo zokucima umlilo ezifana neSanti kwakunye naManzi.
Ukanti abantu bakwa bongozwa baxele xa bebona umsi okanye umlilo futhi akuvumelekanga kutshiswe nanjanina ngelixesha.
Xa ubani efuna ukuqhagamishelana nabecandelo lezentlekele bangalitsalela umnxeba ku 043 831 1084 okanye kwikhasi ellthi 078 034 6401 lika WhatsApp.
Isithethi sezonxibelelwano uSisa Msiwa uthe oku bakwenza kuba bekhathala nokufuna uluntu luhlale lukhusekile.
Omasipala abakhankanyiweyo kwesisi lumnkiso sibalula uMnquma, iMbashe, Amahlathi, Great Kei kwakunye nendawo ezithile eRaymond Mhlaba.

