Babuye befumene izikipa neembasa abantwana abazimbaleki ze Alice Runners Club ebebeyoku baleka kumdyarho wolonwabo ububanjelwe eQonce ngentseni yangomgqibelo, umhla wesine kule yeDwarha.
UNkskz Nombini Mgijima nongomnye wabaphathi nabaququzeleli bembaleki zase Dikeni ubulela bonke abazali abathe bababolela abantwa futhi baqinisekisa ukuba banazo zonke izinto ebeziceliwe.
Nabazali babantwana bawuncome kakhulu umsebenzi we Alice Runners Club batsho beliqwenelela impumelelo kumaqonga ezonxibelelwano eli phulo.
Bakwavuyisene neembaleki ezisakhasayo eziphumeleleyo ngelithi lento yenza aba abantwana bazive benwabile futhi benento yokwenza enokubatyisa ngenye imini.

