Abafundi baseLovedale Bafuna Ubulungiswa Ngaphambi Kokubuyela Ezifundweni
Abafundi baseLovedale bathi abakazukungena emagumbini okufundela, lingekacinywa ngokusesikweni ityala abalivulelwe yile kholeji kunye nenkampani yoonogada bayo.
Abafundi bathi abayifuni le nkampani kuba isoloko ikhusela kwaye ithethelele abaphathi, hayi bona.
“Khange sitshise sikolo okanye senze ubundlobongela. Thina besitshisa ngaphandle kwamasango sisilwela amalungelo ethu, kodwa savulelwa ityala safakwa izintywizisi,” utshilo Nikita Bless, ongusihlalo weSRC no phakathi kwabafundi abalishumi elinesibini abathe babanjwa baphinda baxelelwa ukuba licinyiwe ityala nangona umcuphi engayazi lonto.
Uqhubekile wathi mininzi imiceli mngeni abajongene nayo esikolweni bengabafundi. Iincwadi zifika kade, kunyanzeleke ukuba bafunde ngokuphakamisa amadolo. Abafundi bayakwazi ukuhlala ixesha elide bengenatitshala.
Ukanti, kukho abafundi abangekazifumani iziphumo zeNC Level 4 kwizifundo zokulinywa kwezityalo okanye Plant Production ngesiNgesi, oko kwangoDisemba wonyaka ophelileyo. Iindaba nengxelo ekhutshwe ngabafundi ithi kwabakho impazamo eyenzekileyo, zaze zabanjwa iziphumo kuba kuthiwa abawenzanga ngokupheleleyo umsebenzi wabo. Kanti akunjalo, zizifundo zezilwanyana.
Ngoku abafundi baphoswa ngamathuba amaninzi afana nenkxaso-mali, kwaye abazukuthweswa izidanga abagqibileyo kuba bengazazi ukuba bame phi, nangona isebe lezeMfundo layilungisa le mpazamo. Abafundi bathi iLovedale ayizange iyilungise ngexesha elichanekileyo.
Baninzi abafundi abazityand’igila ngemeko abafunda phantsi kwayo, kodwa khange bafune amagama abo achazwe esidlangalaleni kuba besithi bagrogriswa ngokufeyilitsha xa besilwela amalungelo abo.
Kudliwano-ndlebe labucala, omnye umfundi uthe: “Sifunda ngeekhompyutha ezindala ezisoloko zisinika ingxaki eklasini.”
Inqununu yesikolo isithumele kwicandelo lezonxibelelwano elizinze eQonce.
Belingekaphenduli kwimbalelwano ethunyelwe leliphepha-ndaba ngexesha lokushicilela eli candelo.
Sizokulilandela elinqaku de kubesekupheleni.



