Editors PickSchoolsSchools SportsSport

Ziqalile izifundo zeholide zebanga le shumi nalo iSebe lezeMfundo liqinisekisa ukuba abafundi banolwazi olugqibeleleyo ngezifundo zabo.

Abafundi besikolo saseMingcangcathelo bakwa grade 12 nebebexhakazela yhimithwalo besiya kwi khempu yokuqala kwezizifundo zibizwa ngokuba ngu GEN ePhambani Mzimba bathi bakulungele ukuchophela imviwo zokuphela konyaka.

Aba bafundi nabanye bazakube bekule kempu ukusukela ngomhla wesithandathu kule imiyo ukuya ngolwesihlanu ze bachophele imviwo zabo ukuqala ngomla wama 21 kule yeDwarha.

IDikelethu kudliwano-ndlebe nababafundi kwakunye nabanye liqaphela ukuba bambi baxhalabile liphepha lezifundo zezibalo.

Eliphepha-ndaba likwaqaphele ukungaqiniseki nokungabinalwazi oluphangaleleyo ngezakhono abazakuthi bazilandele emva kwebanga leshumi.

Lento ngumceli mngeni omane uvela rhoqo kubafundi ingakumbi apha kwisizwe esintsundu.

Le ngxaki lixanduva likarhulumente nomzali ngoba xa bephuma esikolweni bengayazi bazokwenza ntoni baphethe bezifaka nakweziphi na izifundo.

Ntoleyo ibangela boyisakale ezidyunivesiiti baphele bephuma bengayigqiba lonto bebeyenza.

Iphinde le ngxaki ibenegalelo kwingxaki

yokungabikho kwemisebenzi ngenxa yokuba baninzi kwabantu abaneziqinisekiso zomsebenzi ofanayo kuba kaloku abazinto ngezinye izakhono.

Abanye phofu benze into abangayithandiyo nengelilo nakhondo lwabo.

Ababafundi bacele inkxaso nemithandazo kubazali noluntu ngobubanzi kuba besithi banovalo lokuchophela ezimviwo zingaqhelekiyo.

Batsho becela nezinto ezimnandi kwabo bakwaziyo uyokumane beyokujula kwindawo aba kempishe kuzo.

Avatar photo

Zanele Makola

Zanele Makola is a journalist with a strong passion for gathering and reporting news. She has a keen eye for detail and a clear focus on telling stories that matter, bringing a fresh and relevant perspective to community journalism. She holds a Journalism qualification from Tshwane University of Technology, where she developed her skills in news writing, research, and storytelling. Today, she is committed to producing accurate, engaging content that informs and connects with local audiences.

×