I-Eyethu Dikeni Klabhu neqalwe ngoTata abathathe umhlala phantsi iwuvale ngempumelelo unyaka ngomhla wama 21 kule imiyo kwikhaya labavakashi elibizwa ngokuba kukwa Saki Homestay, eHappy Rest.
Injongo eziphambili zale klabhu kukuzonwabisa, bazigcine besempilweni, umanyano, uphuhliso, kwakunye nokujongana nemicelimngeni yaseDikeni.
” Singamalungu ale klabhu sizimisele ukuyisephula nengcambu imicelimngeni esinayo siliDike ingakumbi owobundlobongela obujoliswe kubantu abangomama nabantwana abangamantombazana futhi namalungu ethu angene esazi ukuba kufuneka engumzekelo omhle ekuhlaleni njengentloko zamakhaya,” Uphefumle watsho uMnu uMgwangqa ongomnye wabaququzeleli abaphambili bale Klabhu nobeyinqununu yesikolo esele ithathe umhlala phantsi.
UMnu. uSingilizwe naye onguceba osele ezibeke phantsi iintambo uhambise wathi, sizimisele ukuvuselela iDolophu yethu sisebenzisane nazo zonke iziseko ezikhoyo ngoba akusekho nto idibanisa abahlali bathethe ngazwi linye.
Uvalelise ngelithi “Sele kwafa noSANCO lo wakwambala eDikeni yhilonto sixakwe nangamapara – para.”
Indaba zihambisa zithi izakumiselwa ngokusesikweni le Klabhu kunyaka ozayo nalapho kuzakube kusonyulwa ikomiti esisigxina.
Nangona le Klabhu iqalwe ngabantu abangotata abanenjongo ezintle wonke umntu ofuna ukubayinxalenye wamnkelekile kuquka oomama nolutsha.
IDikelethu libaqwabela izandla likwabanqwenelela impumelelo abatata bathe ngemihla yokuphumla kwabo bacinga ngokunika umkhombandlela nangophuhliso lwaseDikeni.
Ngenkcukacha ezithe vetshe ungatsalela ku 0817436673 okanye 084 245 5298
NB: Ningalibali ukuyakuvela kwivenkile zabakwaNtu nakwa Georgious Spar bahlali ingakumbi izitokvela amabaxabiso aphantsi asaqhuba kuquka nawe black friday.

